UPaulina Nomalizo Woji, uzalwe ngu Espin Woji no No-Wise Woji, intombi yakwa Dumako. Uzelwe ngomhla we-18 July ngonyaka ka1940, kwa Tuku, ePeddie. Ungumntwana wesithathu.
Ufunde amabanga aphantsi kwa Tuku. Waya kufunda e Cowan, wagqibezela imfundo yakhe ephakamileyo e Newell High School. Ufundele ukuna ngu mongikazi eMlami Hospital eHeshele. Emva koko uye wasinga eThekwini, ngenjongo zokuxelenga khona. Uphinde wabuyela kumhlaba wase Bhaya, exelenga e Dora Nginza Hospital, e Zwide. Uxelenge apho ke waza wathatha umhlala phantshi ngonyaka ka 2001.
Ngonyaka ka2006 uyewalishiya iBhayi, weza kumhlaba wase Kapa, kwintombi zakhe ezimbini ezilapho.
Ngonyaka ka2008 uyewalwa ngesifo somdlavuza wethumbu wasoyisa. Uhlaselewe sisigulo se Stroke ngo June 2010, siyesamongamela samoyisa eso sigulo.
Usishiyile ngentsasa ye 20 September 2010, umphefumlo waphumla ezandleni zoMdali.
Ushiya ngemva odade abasi-5, nomnakwabo. Kunye neentombi zakhe ezimbini, uNozipho no Vuyokazi Shirley Yonke, kunye nabazukulwana bakhe.
Lala ngoxolo, Tshayingwe, Dobo, Tyethe, Khiphi, Mandlana, Mampandla!
Paulina Nomalizo Woji was born to Espin Woji and NoWise Stiya Woji, a daughter of the Dumako family.
In 2008, she was diagnosed with colon cancer.
She beat the cancer.
She had a stroke in June 2010, and her health worsened.
She passed away peacefully on the morning of 20 September 2010, he spirit rests in the hands of the Creator.
She leaves behind five sisters, her brother, and two daughters, Nozipho and Vuyokazi Shirley Yonke, along with other close family and loved ones.
Rest in peace, Tshayingwe. Daughter of MaSikhosana.